
I'm Siphosethu Phikelela
USiphosethu Phikelela wazalelwa eKnysna ngomnyaka ka1994. Uzalwa nguNomagrike Phikelela kwakunye noMbuleli Mbambisa. Wenze amabanga aphantsi eThembelitsha Primary School waze wenza aphezulu ePercy Mdala High. Uthe wayandisa imfundo yakhe kweleentlanzi eKapa apho athe wathweswa khona ngesidanga kwezobuntatheli eCape Peninsula University of Technology (CPUT).
Ngo2016 umbongo wakhe othi, Utywala andibuzondi wathatha indawo yokuqala kwiOpen Book Poetry Slam imenza intshinga.
Umsebenzi wakhe ukhe wavela kwiianthologies ezinjengeCoronacles, Multilingual Margins, Converse, kunye ne-Imbewu Yesini, phakathi kwezinye. Naye ke ukhe wabanodliwanondlebe kwiqela lezikhululo eziquka neCape Town Magazine, Bush radio, Sparkling Women magazine, Cape TV, kunye neRadio Zibonele. USiphosethu ukholelwa ukuba abantu kufuneka bakhululeke ekuzityandeni igila ngeelwimi abaziva bekhululekile ngazo.
Njengentatheli engummi, uye wapapasha amabali eMozulu, imiba yobulungisa kwezentlalo, kunye nobugcisa. Ngamazwi akhe, uye wathanda ukuzimanya “neentshukumo ezidibene nobuntatheli ngenjongo yokuphucula imo yentlalo.”