Ukuphuma Kwelanga

Ukuphuma kwelanga esi sihloko sibonisa ukuqala kwemini ethi ibe lithemba kumntu atsho abe namandla okukwazi ukumelana nemingeni yemini. Emva kwesifingo sobumnyama kuye kuthi qheke ukusa. Ebomini uye udibane nabo ubunzima kodwa kufuneka umntu ahlale enethemba lokuba nakobakhe ubom kuseza kuba khona ukukhanya. Lo nto ithi kufuneka ubani asoloko ehleli ethembeni. Le ncwadi iqulethe imibongo amabali amafutshane kunye neentsomi ezithi zinike ithemba nakubani oziva edangele atsho afumane ithemba. Inceda ubani afumane izakhono zobom. Apha uza kufumana umbongo othi uRonta onika ulwazi kulowo ungazange wahlala kuwo. Namabali amafutshane endingabalula ibali elithi bagotywa bebatsha elingomzukulwana othi ngenxa yokusoloko ehleli nabantu abadala aphele ethetha izinto ebekungafanelekanga azithethe. Le ncwadi iyonwabisa iyahlekisa kulowo uthe wathatha ixesha wayifunda.

Categories: ,

About the author

Babalwa Nqoro
Babalwa Nqoro was born at Ndevana Location in King William’s Town. She did her primary years at Rayi Primary School and matriculated at Forbes Grant…
See More