Umbulalazwe

Le mibongo ikukutya kwabalambileyo, ingumthuthuzeli kwabakhathazekileyo, ingumthombo kwabanxaniweyo, kwaye imixholo yayo yonke igxile kumbulalazwe iCOVID-19. Yimibongo le enika ithemba kwabo baye bagaxeleka kulo bhubhane, ikwathuthuzela nabo baye bashiywa zizihlobo zabo ngenxa yawo.

“Siyavuya Mnu. Qeqe mbhem ngokuba usiphakulele kuvimba wakho weengontsi othe waziphawula ngalo mnyakandini wembubhiso wekhorona, u2020. Zimbalwa kakhulu iincwadi esezibhaliwe ezigwadla lo mcimbi ungumbulalazwe. Kwanga ke ngale mbalo uluntu lungaziqoqosha luzibhence luzeke mzekweni ngokuheshela kude lee ikhorona imke tu kumzi kaNtu.”
(ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi.)

Categories: ,

About the author

Sivuyile Michael Qeqe
Mna ndinguSivuyile Michael Qeqe, ngokuzalwa ndaazalelwa kumhlaba wakwaNdlambe eSada ngomnyaka ka1984 kwinyanga kaCanzibe ngomhla we23. Ngomnyaka ka1985 umama wam uye wafumana umsebenzi eBhayi kwaze kwanyanzeleka…
See More