I'm Ntombifikile Njokweni
UUNtombifikile Njokweni, inkaba yakhe iseMazizini kwilali yakwaLujiko, eNgqushwa.Wazalwa ngomhla wama-27 kuTshazimpuzi ngowe 1972. Ufunde amabanga akhe aphantsi kwaLujiko Primary School, waqhubeka waya eThembalabantu High School eZwelitsha apho aphumelele khona imatriki ngowe 1990.
Uqeqeshelwe ukuba yititshalakazi yesiXhosa, waze wafundisa abantwana kwizikolo ezahlukeneyo kweliya belisakuba liphandle leTranskei.
UNtombifikile ufunde imfundo enomsila (Bachelor of Arts ne-Higher diploma in Education) kwiUniversity of Fort Hare ngowe 1991 ukuya ku1994. Uqhubeke wongeza ubuchwepheshe bokufundisa abantwana ngokwenza iB Ed honours in Whole school development kwiUniversity of Port Elizabeth nesele ibizwa ngokuba yiNelson Mandela University ngowe 2005. Ngonyaka wama -2014, uye wokuqala ukuphangela eBhayi kwiprojethi eyasungulwa liSebe leMfundo ebizwa ngokuba ngu IIAL (Incremental Implementation of African Languages) ephuhlisa iilwimi zakwaNtu nekhuthaza ukuba abantwana baseMzantsi Afrika bazifunde ezi lwimi bazithethe bekwezi zikolo zabo zazisakuba zizikolo zabaMhlophe.
Kungoku nje uphakathi kokubhala iincwadi zesiXhosa, ekwayiyo netitshala yesiXhosa.Le yincwadi yakhe yokuqala.