• Amazwembezwembe Obom

    Abazali ababini uLuvuyo noNokwanda bakhulisa abantwana babo abathathu, uNgqiqo, uZumange noIviwe, bazame kangangoko ukuba bafunde, babenempilo engcono. UIviwe, uye waphuma ecaleni, ngenxa yeempembelelo yezihlobo zakhe. Uye wagaxeleka kwiziyobisi engaqondanga, nto leyo emenze wazibona sele butshintsha kakhulu ubom bakhe.

    Ibe lusizi kakhulu imeko yakhe kuba uphile iinyanga ezinizi ehamba ngesitulo esinamavili, engakwazi nokuthetha kuba ilizwi lalingaphumi.
    Ukugula kwakhe kuye kwayichaphazela lonke usapho lwakhe kuba naye umama wakhe uye waguliswa kukugula kwakhe. Latshona emini ilanga kusapho kuba bathe besajonge eyokugula kukaIviwe, kwagula nomama wabo. Wagula umama,wade wayibeka phantsi inqawa.