Indoda Ayikwazi Kuba Yinkedama

“Emva kokuyifunda, ndinambitha ubuncwane bayo, ndizive ndidanduluka ndisithi liyinene elithi ‘abantwana likamva lesizwe’ kuba ikamva lesizwe sethu, ngakumbi esi samaXhosa, liqaqambe kakhulu ngenxa yalo mbhali, osele ephum’ izandla, ewola namawonga ngamawonga ngenxa yokukhalipha kwakhe ekusebenziseni usiba, ebhala isiXhosa. Thatha ke iitshefu zibe mbini phambi kokuba uhlale phantsi, ufunde. Enye yeyokosula iinyembezi zentlungu, enye wokosula ngayo iinyembezi zolonwabo, ngenxa yoburharha balo mbhali.”
– Gqirha Hleze Kunju
(Umphathi kuBugcisa Bokubhala, kwiYunivesithi iRhodes.)

Categories: ,

About the author

Madoda Ndlakuse
UMadoda Ndlakuse uzalelwe kwilokishi yaseMdantsane ebutsheni beminyaka yoo1980. Ukhulele eBhayi kwilokishi yaseZwide naseNew Brighton njengokuba ngoku engumhlali waseMotherwell. NguNobalisa,umququzeleli wamaphulo okufundisa,umongi wolwimi lwenkobe nombhali osele…
See More