• Akwaba Ndandinimamele

    Mlesi kubalukile ukukwazisa ukuba le mibongo uza kuyifunda isekelwe kubomi obundingqongileyo neemeko ezichaphazela mna ngqo ebomini. Le ncwadi isondele kakhulu entliziyweni yam, ikuthatha ikubeke kwimpilo yam neyabo basondeleyo kum. Ndikhe ndanazo iimpazamo eziliqela ekukhuleni nangoku sele ndimdala; le ncwadi ke ichankcatha kanye kwezo meko injongo ikukufundisa nokuba inike ithemba. Ezo meko zibangele ukuvela kwesihloko sale ncwadi esithi akwaba ndandinimamele kuba kaloku iimeko ezichatshazelwa yile mibongo iqulathwe apha ziyakubangela ukufa okanye ukuphelelwa lithemba kwabaninzi. Uakwaba ndandinimamele ngumbongo okwalapha encwadini kwaye uza kuzivela ngokwakho ukuba ungantoni na. Le ncwadi inikezela ithemba kwabo sele beqalisa ukuphelelwa lilo nokuba sazi ukuba AKULAHLWA MBELEKO NGAKUFELWA!