• Mholweni – igama lam ngu-Owethu

    Le ngqokelela yamabalana amafutshane abantwana iyonwabisa kwaye ivula amehlo kwiintsatshana ukuze zihlale zivundlile okomvundlana othile, eqakatha eqakatha engena entsimini. Emafutshane enjalo amshiya elenceza ulwimi umfundi kube ngaske bekungabaliswa kubhekwe phambili. Fundani nizivele.
    “Mholweni igama lam ndinguMzoli, ndiza kuba poni ke kuba nombhali ondibalisela kamnandi namhlanje – u-Onez ushort and sweet. La mabali embalwa enjalo amnandiswa kakhulu nayimizobo ebalisa ibali yona kuqala. UZizi uzizele apha ku-Onez, akachulezi, gxebe akacikozi lho mntakaZizi sundifundekela! Le ncwadi ubumnandi bayo bundikhumbuza ekaGqirha Sindiwe Magona ethi, ‘Cula’. Khuphani iisenti zenu ke ‘niculele ibank account’ ka-Onez atsho akhuthazeke abhale nangakumbi, akhule abe njeyaaa kuncwadi. Tshisa Onez kwezo ndawo maan!” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).