• Umkhumezelo – Umqulu 3

    Nanko ke mfundi wesihobe umqulu wokugqibela kule ncwadi ithi, “Umkhumezelo.” Apha ufunde imibongo eyahlukahlukeneyo. Kweminye ndiyaqiniseka uzakhele umfanekiso-ngqondweni wezinto ezininzi. Lo mqulu ke ungene nzulu kwiimeko zokuphila ekuhlaleni ngokubanzi. Eminye imiba kungenzeka ukuba iyakrwempa kodwa ke into emasiyivuyele kukuba ivelele iinkalo eziliqela esizaziyo ukuba zidinga ingqalelo emandla. Ndiyayazi ke mfundi ukuba mna ndodwa andinakufikelela zonke iinkalo obunga unganqwenela ukuba ndizifikelele.

    Baninzi ababhali endikhuthaza ukuba ufunde iincwadi zabo zesihobe ingakumbi abalemihla abo sele belupapashile uNcwadi lwabo. Injongo yethu inye kuNcwadi lwethu asikhuphisani kodwa sisebenza kunye ukuze kuzuze wena. Akwaba ungasixhasa singaba babhali sisebenza nzima ukufundisa wena silondoloza ulwimi lwethu.

  • Umkhumezelo Umqulu 2

    Bathandi boncwadi ndithi kuni yonwabelani lo mqulu, endiqinisekayo ukuba uza neenguqu kuncwadi lwesiXhosa. Izimvo endizivakalise apha nezinto endizibhale apha maziphikiswe ngulowo ukwaziyo, aze lowo uvumelana nazo avumelane nazo. Uza kukhumbula ukuba kaloku namphi na umntwana uye anxibe izihlangu ezingalinganiyo okanye azigqwethe naye elinganisa ngamanye amaxesha. Umbone unkabi elinganisa utata wakhe xa ehamba naxa ethetha ufike umfo omkhulu ezikhotha nemifinya le yembala, okanye ufike umfo ehamba ezibhenca efake nezandla ezipokothweni ukuba unconyiwe ukuba unxibe kakuhle. Nalapha ke kule ncwadi usengafumana izinto ekumnandi ukuzamkela nezikuchaphazelayo, kodwa ke ngamanye amaxesha ndingaqondanga ndisenokukudanisa njengomfundi.

    Yonwabela ke ukufunda izishwankathelo, iinkcaza ezinabileyo, imibuzo nophando, kanti neeprojekthi zomfundi. Ukuba ngaba ootitshala banqwenela inkcazelo engakumbi kunale inikiweyo kulo mqulu, bangabhalela kwi-email echazwe kwiphepha lale ncwadi. Kwanga ungawonwabela lo mqulu wesibini mlesi kwemithathu yosiba lwam.