• Ibhekile

    Le yincwadi equlethe imibongo elichiza lempiliso ebhalwe ligqala likamakad’ ebona. Yonke ibhalwe ngolwimi lwesiXhosa esilula nesisulungekileyo. Injongo yale ncwadi kukonga nokulondoloza ulwimi lwethu lweenkobe. Le mibongo ichaphazela imiba eyahluke kakhulu, uya kufumana imibongo ethetha ngendalo, ngeziganeko zobom, enye injongo yayo kukufundisa, ukonwabisa nokuhlaba ikhwelo ukuze isizwe sethu singalahleki ezandleni zethu. Eminye yale mibongo isondele kakhulu entliziyweni yam; mibongo leyo ifana nothi IZANDLA, UBIZO njalonjalo. Ekuqaleni komnyaka ka-2021 unyana wam u-Olwethu walimala kwingozi yemoto waphantse ukunqunyulwa isandla. Loo nto yandicingisa nzulu ngezandla, xa ndandimbona engakwazi ukwenza izinto ezininzi ebekade ezenza lula.

  • Umthubi

    Le ncwadi yeyemibongo yesiXhosa. Yincwadi yam yesibini enjongo zayo zikukuqhubeka ndidlala indima yokuphucula, ukufundisa, ukulondoloza, kwaye nokonga ulwimi lwethu. Ndinelizwi elincinci elihleli lindikhumbuza ukuba mandidlale indima yam ekuphuculeni ilizwe lethu ukuze abantwana bethu nesizukulwana sethu sibe nako ukuphila ubomi obububo. Ndihlaba ikhwelo ndikhuthaza nabani na oneendlebe ukuba adlale indima yakhe ukuze ashiye umzila nomqela othe qabavu ukubonakala nokucaca oku. Yeyele ke mawethu khaniyonyule nakweli tyeli.