• Chuu Ngcembe Ngemibongo

    Amaxesha amaninzi xa kubonwa umntu ozihambela indlela yakhe ethe chuu iba ngathi kukho ndawo ashiyeka kuyo. Iba ngathi olu hlobo ahamba ngalo luyamcothisa ezintweni de ibe ngathi uthatha kade. Abanye wofika bemsizela bemvela bemcingela nokumcingela bethu. Ukuba ungafumana nje inyhweba yokuba ubone intunja yoko kusengqondweni nasentliziyweni yakhe ungothuka ufe isiqaqa.
    Ethe chuu nje uxakathe nto wena.
    Ethe chuu nje ukude ngengqiqo.
    Ethe chuu nje akathanga chuu ncam.
    Indaba yotyelo ayikholi, yonwabele mfundi nayo le incwadi yemibongo kaZizi.
    “UZizi uzithele chuu ngcembe okomkhuhlane wexhego ungxamel’ ukundixaka kunjalo nje kuba usuke wagwev’ eXerha kolu bhalondini lweencwadi. Sithi sisajonge imibongo abe esiphakela amabalana. Nqikani ke babhem nive iBhayinari ukuba lisiphakele ntoni na kulo vimba walo uphuphuma bubomi.”
    (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).

  • Echoes of Gqeberha

    While the Eastern Cape as a Province continues to contend with the triple challenges of poverty, unemployment, and inequality, the Nelson Mandela Bay Municipality also faces broader challenges in the literary and artistic world.
    In an attempt to develop, inspire, and empower upcoming writers and artists, the Red Location Digital Library & Archive (RLLA) in partnership with Nelson Mandela Bay Municipal (NMBM) Libraries and supported by the Red Location Cultural Precinct team (RLCP), hosted a creative writing and poetry workshops aimed at motivating aspirant writers, empowering them through mentorship and coaching programmes.
    Various aspects of writing, illustration and poetry ranging from the Creative Writing Process, Interpersonal and Business Skills for Writers, adding value for the Community through writing, Publishing, and promoting NMBM Libraries and RLLA, among other aspects, were explored.
    These workshops lay a foundation for addressing the challenges borne by upcoming writers and artists within our communities. It is for this reason that these workshops are crucial in preserving and promoting natural creative talent. The voices of the youth must still be heard, and we view these workshops as a continuation in the path to uplift our upcoming writers, illustrators, and artists.
    Therefore, it is the compilations of the work of those creative talents, put together, which has produced the book Echoes of Gqeberha.

  • Iingcinga Zendoda

    Le ncwadi yemibongo, ‘Iingcinga zeNdoda’ ichankcatha kwizinto ezisondeleyo kum ezimbanjeni. Ndingabalula kuzo uthando, ukungathandwa, inkathalo, umonde, ulwazelelelo, uxinzelelo, inkxalabo ngemeko-bume umntu azibhaqa ekuyo eyedwa erhangqwe lusapho lwakhe okanye lwakowabo nezinye ke bethu izinto esidibana nazo ebomini. Kukho ukukhula nokuxhokonxwa bubomi uthi usathi uyaphefumla suke kuthi gqi ubhubhane weCovid-19. Tsi! Bafondini izinto zomhlaba! Masifundeni nantsi imibongo ke nto zakuthi sitye sibhukuxe. Inkxaso yenu inene ixatyisiwe kakhulu eMdantsane kwikomkhulu lamanqindi.
    “Imibongo ephuphuma ubom enikeza ithemba kwabo bantliziyo zidabukileyo, zikrunekileyo nezidakumbileyo. Funda uzivele mfundi, inene awuyi kukhohlwa uza kukholwa, indaba yotyelo ayikholi” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).

  • Iingqondi Zeqhagqiwa (Umqulu KaNdlelantle)

    Abantwana bethu abalelanga kulelwe nje bona bayabhala. Kha wuzivele oko kuvela kwiintsuba noovimba babantwana abaphuma kumakhaya ngamakhaya alapha kwilokishi yaKwaNobuhle.Naba abantwana bephuma into ngomlomo besibonisa isizathu seenyembezi kwabaninzi bekwaxabangela umxoxozi wokomelela phezu kwazo nje iimeko ezibuhlungu abagaxeleka kuzo.Ubomi abunamfobe ke tana kodwa sekunjalo ezi mveku zisebenzisa usiba ukulwa nosizi zizingela iindlela zokuphila nokuqonda amajingiqhiwu obomi.

  • Indoda Ayikwazi Kuba Yinkedama

    “Emva kokuyifunda, ndinambitha ubuncwane bayo, ndizive ndidanduluka ndisithi liyinene elithi ‘abantwana likamva lesizwe’ kuba ikamva lesizwe sethu, ngakumbi esi samaXhosa, liqaqambe kakhulu ngenxa yalo mbhali, osele ephum’ izandla, ewola namawonga ngamawonga ngenxa yokukhalipha kwakhe ekusebenziseni usiba, ebhala isiXhosa. Thatha ke iitshefu zibe mbini phambi kokuba uhlale phantsi, ufunde. Enye yeyokosula iinyembezi zentlungu, enye wokosula ngayo iinyembezi zolonwabo, ngenxa yoburharha balo mbhali.”
    – Gqirha Hleze Kunju
    (Umphathi kuBugcisa Bokubhala, kwiYunivesithi iRhodes.)

  • Ithunga Lengqiqo

    “Imibongo elapha isukela ngexesha iimbongi namachule ethu ebon’ ilanga. Ungacingi ukuba kuphelele apho unani na kakade? Mfondini kutyhutyhwatyhutyhwa amaqhina neenduli ngobomi isakhono sisonke nantsika. Xa ndikuhlebela wena mlesi ndingathi lungisa intliziyo uyenze yomelele kunjalonje ngokuba kaloku iza kuxhumaxhuma uxakane nayo hayi nje kancinci. Ababhali basixeko saseGqeberha bekhatshwa ngomnye osuka eQhagqiwa babhoke isicuku bafun’ intw’ ibilapha. Ndizama ukuthi akufihlwa makhuba kulinywa kule incwadi. Inyaniso ikhutshwa ngobunjalo bayo. Ukuba isilonda sakho siyathunakala xa ulesa ikhona imibongo engumathunga kwalapha. Babhali baseBhayi ndinothulel’ umnqwazi inene. Chophani nithi nqwadalala niyonwabele. Ndiqinisekile ukuba nakumathala eencwadi le incwadi iya kubanencasa yevatala. Le ncwadi inene ikwelinye inqanaba.” (Ilizwi likaMadoda Ndlakuse – umhleli nombhali waseBhayi)
    “Iimbongi ezineliso nomqaphela kwimiba edla umzi kaXhosa. Inene ababongi bayagqabhuza, whena! Wabulaw’ apho!” (Ilizwi likaMzoli Mavimbela – umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi)

  • Izitshanguba Zentlalo

    Izinto ezisingqongileyo ekuhlaleni inene aziyonto nje enokuthatyathwa lula. Ziliqela ke izinto ezisetyenziswa ngabantu ukuze banyange ezi zitshanguba zingakhethe mntu nasiduko nakufuma kwesipaji. Abantu abafana nam ke abayiyeki tu into yokubhala imibongo ukuze loo ntlungu ibangelwa zezo zitshanguba ikhe isuke nje kancinci ibaphe umtyhi.
    Le ncwadi ibhalwe ngexesha lentlungu engathethekiyo kumntu wonke iCovid-19. Sithe sinemithwalo yethu kakade kwavele kwathi gqi isigebengakazi esishiye amakhaya eziintsalu. Andikwazanga tu ukungaphawuli ngale ntlekele apha, ngethemba lokuba niza kuyonwabela le ncwadi. Makutyiwe ke noko ngoku kudala oku kutya kubondwa.
    “Imibongo ezoba imifanekiso-ngqondweni ngobuchule obungaphaya komlinganiselo. Yiva nje imibongo efana nale: NGASESPORWENI EDEAL PARTY, INDODA EHLAMB’ IZITYA, SOZE INDODA INGAKHALI (I) no (II), LIHLE IBHAYI EBUSUKU, IVILA LOMBHALI, EDUTYWA EDOLOPHINI ndibala ntoni na. Mna ndithi intlalo yethu izele zizitshanguba ezifuna ukucocwa. Njengoko le mboni yakwaZizi sel’ iyihlahlile indlela nathi babhali nabafundi masizeke mzekweni, singen’ efolweni sicoce ezi zitshanguba; izitshambuluka ke ngokwasemaMpondweni kuwe Lawundini” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).

  • Mhla Latsh’ Ibhayi

    Isihloko sale ngqwebo sithi, ‘Mhla Latsh’ iBhayi’ into ethetha ukuba kuza kwaziwana. Nangona kusaziwana kunjalo ke, ubukhulu becala amabali la ayacaca ukuba umbhali ziingontsi namasuka-ndihlale ahlangene nawo kulaa mimandla ikuMneno-Nciba kwatsho kwaqandusela la mabalana angcathu ancindi ivuzisa izinkcwe. Ubukhulu becala ngamabali la ayimvula-mehlo ukuba, ‘okuze buponi kotshabalala, okuze ngamathontsi kozinza,’ njengoko oko uya kukufumanisa kwimixholo yamabalana afana no‘INENE ULUNTU NGEZISULU’. Akhona amabali oya kuwafumanisa esityhilela izizeka-bani zoxinezelelo lwengqondo kubani, ngenxa yobugewu awathi wabhungca ngezikaSibi kubo, mabali awo afana no‘ENDLELENI EBUYA E-ADDO’. Masingafinci ke bantakwethu, nqikani nizifincele. Kakade iqwela nesigananda sifincwa ngamakhwahla namagqala.
    “Amabalana anonambitheko okomsindleko kumhambi, adiza ilihlo lokhozi kumbhali olirharha nonosiba olunyumbazayo. Ebalisa nje uyahlekisa kodwa uyafundisa. Mna ndithi qha, Zizi elimnyama neenkomo zalo zabalaza mzala womntu amathunzi anabile kukud’ eBhayi, malitsh’ iBhayi!” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).

    ‘UMhla Latsh’ iBahyi’ uphumelele iMbasa yamaBali amafutshane kaNadine Gordimer yowama-2021

  • Ndiyaqal’ Ukuyibona Le

    Le yincwadi yamabalana amafutshane neye yachaphazela kanobom imiba enobuzaza phakathi koluntu. Umbhali ukhupha imbilini yakhe engagogotyanga lutho ngezinto eziliqela esithi sityhubele kuzo kwiindawo esihlala kuzo. Bali ngalinye liyakholeleka, lidlwengula umxhelo likwadlikidla nesimo sengqondo esimele sibe naso kwizinto ezisingqongileyo nesizibona qho. Umbhali ukholelwa ekubeni la mabali anako ukukhulisa iingqondi ezithe qwa kwaneencoko ezakhayo eluntwini.
    “Ewe izinto azifani nyhani Zizi kwaye nam ndivuleke amehlo njengontlalontle, kunjalonje ndiyifince nzima iediting yale ncwadi ngoba bendimana ndisima ndibe nomsindo nokuchukumiseka kwezinye iindawo. Mandicaphule ibali lokuqala – kulusizi ukufumanisa ukuba amanina athile, hayi onke, ayabankula abayeni bawo abababona njengamabunga, emva kokubakhukhuza ubutyebi neemali zabo. Isiphelo sikaNgwadluma sokugajuzwa ngumnk’ akhe, de awe qikili phantsi abhubhe abantu bejongile ngenxa yoxinizelelo lwengqondo sindichukumise kakhulu Zizi. Akwaba ke la mabali amnandi kangaka, nayimvulamehlo yokuba ‘ezi zimanga sizenzayo siluluntu masiziyeke’ angaselwa iso sithi ngokuba kaloku, ‘zigqitywa kuhlwile zibonwe liwuhlabile’. Tshotsh’ ubekho sekaMila noOnez.” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).

  • Ndiza Kutshat’ Ubeyonce

    Le ngqokelela yamabalana amafutshane iphicotha imibandela yokuhlala embaxa nexananazileyo. Imalunga nezigqibo ezithatyathwayo neziphumo zazo. Igubhulula izinto ekungafane kuthethwe ngazo. Injongo yombhali ngokwenza oko ‘kugubhulula’ kukwakha, ukulumkisa nokukhulisa ukuba ziingqondi kwethu bafundi beencwadi. Yifunde kunjalo nje soze uzisole.
    “Liphinde labuya iZiz’ elimnyama neenkomo zalo, gxebe iincwadi zalo, kaloku akufuywanga eGqeberha, gxebe eKariyerha. Hahaha! Ndiyakudlalisa Dlamini mbhem eeh, awudlaliswa na wena uyimali? Okwam kuncinci kukuthi nje nam ndizitshatele uBeyonce wam ngamava endiwafunde kumabalana athi, “UNOMAKHENYA” nelithi, “NGUMNTU WAPHI LO?” nawe khawuzikhangelele owakho uBeyonce kolu cwambu lwamabalana amade kodwa angengomdintsi wendinisa etsho ngomsina-ndozele ekwenza ulibale isiqalo nesiphelo sebali. Hamb’ uhambe Zizi ungabi sabhek’ emva mbhem.” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).

  • Nganeno Komlambo Iqhagqiwa

    Le ncwadi ikhupha uvimba ovela kwiintsuba zabantwana abaphuma kumakhaya ngamakhaya.
    Ngamachule la ekudandalaziseni iimeko zabo zemihla ngemihla. Khawusondele nganeno komlambo iQhagqiwa ufumane isihlalo uchophe ze ufunde le ncwadi. Andiqondi ukuba uya kuzisola ngaphandle kokuba awuthandi ukuphulaphula ilizwi labantwana.
    (Ilizwi likaMadoda Ndlakuse – umhleli nombhali waseBhayi)
    Uhlobo loncwadi olunqabe kakhulu apho usatshana oluselula lunikwa khona iqonga lokuphalaza imbilini yalo ngale ndlela luziva ngayo. Ingumxube wesiXhosa nesiNgesi nemizobo injalo, ityebe iteketeke; zisikeleni izihlunu eziya kunihluthisa kulo mbengo babhem, mna sendihluthi mpuu.
    (Ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi)