-
Akwaba Ndandinimamele
Mlesi kubalukile ukukwazisa ukuba le mibongo uza kuyifunda isekelwe kubomi obundingqongileyo neemeko ezichaphazela mna ngqo ebomini. Le ncwadi isondele kakhulu entliziyweni yam, ikuthatha ikubeke kwimpilo yam neyabo basondeleyo kum. Ndikhe ndanazo iimpazamo eziliqela ekukhuleni nangoku sele ndimdala; le ncwadi ke ichankcatha kanye kwezo meko injongo ikukufundisa nokuba inike ithemba. Ezo meko zibangele ukuvela kwesihloko sale ncwadi esithi akwaba ndandinimamele kuba kaloku iimeko ezichatshazelwa yile mibongo iqulathwe apha ziyakubangela ukufa okanye ukuphelelwa lithemba kwabaninzi. Uakwaba ndandinimamele ngumbongo okwalapha encwadini kwaye uza kuzivela ngokwakho ukuba ungantoni na. Le ncwadi inikezela ithemba kwabo sele beqalisa ukuphelelwa lilo nokuba sazi ukuba AKULAHLWA MBELEKO NGAKUFELWA!
-
Amazwembezwembe Obom
Abazali ababini uLuvuyo noNokwanda bakhulisa abantwana babo abathathu, uNgqiqo, uZumange noIviwe, bazame kangangoko ukuba bafunde, babenempilo engcono. UIviwe, uye waphuma ecaleni, ngenxa yeempembelelo yezihlobo zakhe. Uye wagaxeleka kwiziyobisi engaqondanga, nto leyo emenze wazibona sele butshintsha kakhulu ubom bakhe.
Ibe lusizi kakhulu imeko yakhe kuba uphile iinyanga ezinizi ehamba ngesitulo esinamavili, engakwazi nokuthetha kuba ilizwi lalingaphumi.
Ukugula kwakhe kuye kwayichaphazela lonke usapho lwakhe kuba naye umama wakhe uye waguliswa kukugula kwakhe. Latshona emini ilanga kusapho kuba bathe besajonge eyokugula kukaIviwe, kwagula nomama wabo. Wagula umama,wade wayibeka phantsi inqawa. -
Ibhekile
Le yincwadi equlethe imibongo elichiza lempiliso ebhalwe ligqala likamakad’ ebona. Yonke ibhalwe ngolwimi lwesiXhosa esilula nesisulungekileyo. Injongo yale ncwadi kukonga nokulondoloza ulwimi lwethu lweenkobe. Le mibongo ichaphazela imiba eyahluke kakhulu, uya kufumana imibongo ethetha ngendalo, ngeziganeko zobom, enye injongo yayo kukufundisa, ukonwabisa nokuhlaba ikhwelo ukuze isizwe sethu singalahleki ezandleni zethu. Eminye yale mibongo isondele kakhulu entliziyweni yam; mibongo leyo ifana nothi IZANDLA, UBIZO njalonjalo. Ekuqaleni komnyaka ka-2021 unyana wam u-Olwethu walimala kwingozi yemoto waphantse ukunqunyulwa isandla. Loo nto yandicingisa nzulu ngezandla, xa ndandimbona engakwazi ukwenza izinto ezininzi ebekade ezenza lula.
-
Iingqondi Zeqhagqiwa (Umqulu KaNdlelantle)
Abantwana bethu abalelanga kulelwe nje bona bayabhala. Kha wuzivele oko kuvela kwiintsuba noovimba babantwana abaphuma kumakhaya ngamakhaya alapha kwilokishi yaKwaNobuhle.Naba abantwana bephuma into ngomlomo besibonisa isizathu seenyembezi kwabaninzi bekwaxabangela umxoxozi wokomelela phezu kwazo nje iimeko ezibuhlungu abagaxeleka kuzo.Ubomi abunamfobe ke tana kodwa sekunjalo ezi mveku zisebenzisa usiba ukulwa nosizi zizingela iindlela zokuphila nokuqonda amajingiqhiwu obomi.
-
Isibane Kwintsunguze
Imibongo engamashumi amathathu ekule ncwadi iza kulilisa, incumise iphinde ifundise komdala nomncinane. Oyifundayo uza kuzibona ephila kwilizwe lombhali ngethuba ebebhala le mibongo ngalo. Yanga ngokuyifunda kwakho ungathunakala, ngaxeshanye ube unyangeka izilonda zomphefumlo. Nasi ke isibane kwintsunguzi okuyo. Khanyisa sona uzinyange, kutsho kudede ubumnyama kuvele ukukhanya!
“USimmy yimbongi, uSimmy yimboni kuba ngumfo ovuthelwe ngaphakathi okwendlazi; umf’ oqulungen’ okwerhamba. Whena! Wabulaw’ apho. Ude wayophula nkabi, kwakukudala kakade ndisithi ‘buya ekamereni kwa-Avbob Poetry uze kumakhwenkwe amakhulu’. Phantse yonke le mibongo iyimvula-mehlo, sisikhalo, kukophela ngaphakathi kwembongi ze kuphile omameleyo xa imbongi iziphalaza. Injalo ke inkokeli, kufa mnye kuphile baninzi. Mandingawafinci kuba kakade isigananda sifincwa ngamagqala. Nqikani nizivele, selani nibhukuxe, yeyenu le mvaba” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi). -
Ithunga Lengqiqo
“Imibongo elapha isukela ngexesha iimbongi namachule ethu ebon’ ilanga. Ungacingi ukuba kuphelele apho unani na kakade? Mfondini kutyhutyhwatyhutyhwa amaqhina neenduli ngobomi isakhono sisonke nantsika. Xa ndikuhlebela wena mlesi ndingathi lungisa intliziyo uyenze yomelele kunjalonje ngokuba kaloku iza kuxhumaxhuma uxakane nayo hayi nje kancinci. Ababhali basixeko saseGqeberha bekhatshwa ngomnye osuka eQhagqiwa babhoke isicuku bafun’ intw’ ibilapha. Ndizama ukuthi akufihlwa makhuba kulinywa kule incwadi. Inyaniso ikhutshwa ngobunjalo bayo. Ukuba isilonda sakho siyathunakala xa ulesa ikhona imibongo engumathunga kwalapha. Babhali baseBhayi ndinothulel’ umnqwazi inene. Chophani nithi nqwadalala niyonwabele. Ndiqinisekile ukuba nakumathala eencwadi le incwadi iya kubanencasa yevatala. Le ncwadi inene ikwelinye inqanaba.” (Ilizwi likaMadoda Ndlakuse – umhleli nombhali waseBhayi)
“Iimbongi ezineliso nomqaphela kwimiba edla umzi kaXhosa. Inene ababongi bayagqabhuza, whena! Wabulaw’ apho!” (Ilizwi likaMzoli Mavimbela – umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi) -
Mholweni – igama lam ngu-Owethu
Le ngqokelela yamabalana amafutshane abantwana iyonwabisa kwaye ivula amehlo kwiintsatshana ukuze zihlale zivundlile okomvundlana othile, eqakatha eqakatha engena entsimini. Emafutshane enjalo amshiya elenceza ulwimi umfundi kube ngaske bekungabaliswa kubhekwe phambili. Fundani nizivele.
“Mholweni igama lam ndinguMzoli, ndiza kuba poni ke kuba nombhali ondibalisela kamnandi namhlanje – u-Onez ushort and sweet. La mabali embalwa enjalo amnandiswa kakhulu nayimizobo ebalisa ibali yona kuqala. UZizi uzizele apha ku-Onez, akachulezi, gxebe akacikozi lho mntakaZizi sundifundekela! Le ncwadi ubumnandi bayo bundikhumbuza ekaGqirha Sindiwe Magona ethi, ‘Cula’. Khuphani iisenti zenu ke ‘niculele ibank account’ ka-Onez atsho akhuthazeke abhale nangakumbi, akhule abe njeyaaa kuncwadi. Tshisa Onez kwezo ndawo maan!” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi). -
Ndisindiswe Sisihobe
Ndimncinci ndimngaka, endidlule kuzo zibubukhulu bungaphaya kweZulu. Ndingabalula ni na, ukuntlontwa, intakatho, umona, ukubangaphantsi kwimo yentlalo kunye nokuxhatshazwa. Kuzo zonke ezo mpi ndiphume ndiliqhawekazi ngokuncedwa sisihobe, ukuthetha nokuphikisana nobumnyama, uburhalarhume obuvame ukubasisiqhelo kwabamiqolo igoso. Kazi nisikhomba phi na xa nisithi masibuyel’ eMbo? Zingcamlele nawe ngokwakho kulo mbele womXhosakaz’ ongagxunyiswa nditsho nazizixhiliphoth’ eziqamele ngamaxhwele.
“Yonke imibongo yale mbongi inamandla kwaye iya kuchukumisa izazela iphilise nezizwe.”
(ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi) -
Nganeno Komlambo Iqhagqiwa
Le ncwadi ikhupha uvimba ovela kwiintsuba zabantwana abaphuma kumakhaya ngamakhaya.
Ngamachule la ekudandalaziseni iimeko zabo zemihla ngemihla. Khawusondele nganeno komlambo iQhagqiwa ufumane isihlalo uchophe ze ufunde le ncwadi. Andiqondi ukuba uya kuzisola ngaphandle kokuba awuthandi ukuphulaphula ilizwi labantwana.
(Ilizwi likaMadoda Ndlakuse – umhleli nombhali waseBhayi)
Uhlobo loncwadi olunqabe kakhulu apho usatshana oluselula lunikwa khona iqonga lokuphalaza imbilini yalo ngale ndlela luziva ngayo. Ingumxube wesiXhosa nesiNgesi nemizobo injalo, ityebe iteketeke; zisikeleni izihlunu eziya kunihluthisa kulo mbengo babhem, mna sendihluthi mpuu.
(Ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi) -
The Road To My Destiny
The is the story of a young girl who was given up by her birth mother as a young child, and raised by her father’s family. They then turned on her and rejected her when she started to ask questions about her birth mother.
It is the story of her struggle to come to terms with this rejection and to recover her self-worth.
It is the story of how she found strength and encouragement in her worship and in the support of her Spiritual father, the Prophet of the Consecrated Congregation of Christ International Church (CCCIC).
She ends by calling on children in similar circumstances not allow their negative circumstances to influence their lives or affect their self-esteem. A truly heart-wrenching story. -
Ulwimi Lwam, Igolide Yam
Ulwimi Iwam igolide yam yingqokelela yemibongo eveza indlela umbhali aziv ngayo ngemeko ekuyiyo elizweni. Kuchatshazelwa iinkalo ezahlukeneyo zobomi. Umbhali uhlomla aveze izimvo zakhe ngamava akhe nezinto adlule kuzo ebomini.
Kwezinye zazo singabalula ezothando, ezopolitiko, imo yolwimi isiXhosa eMzantsi
Afrika njalonjalo. Yinqike ke mfundi uzivele le golide yolwimi Iombhali.
“Imibongo ehlaba umxhelo etsho kuthambe neengqaqambo zomphefumlo. Ubukhulu becala ivuselela ukuxotyiswa kwesiNtu nesiXhosa ngamaXhosa. Tshotsh’ ubekhono somaqhulo wethu mbhem ngokuthi uPhembe le ntlantsi icimayo kufundo nothondo lweencwadi zesiXhosa.” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi). -
Umbulalazwe
Le mibongo ikukutya kwabalambileyo, ingumthuthuzeli kwabakhathazekileyo, ingumthombo kwabanxaniweyo, kwaye imixholo yayo yonke igxile kumbulalazwe iCOVID-19. Yimibongo le enika ithemba kwabo baye bagaxeleka kulo bhubhane, ikwathuthuzela nabo baye bashiywa zizihlobo zabo ngenxa yawo.
“Siyavuya Mnu. Qeqe mbhem ngokuba usiphakulele kuvimba wakho weengontsi othe waziphawula ngalo mnyakandini wembubhiso wekhorona, u2020. Zimbalwa kakhulu iincwadi esezibhaliwe ezigwadla lo mcimbi ungumbulalazwe. Kwanga ke ngale mbalo uluntu lungaziqoqosha luzibhence luzeke mzekweni ngokuheshela kude lee ikhorona imke tu kumzi kaNtu.”
(ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi.) -
Umkhumezelo – Umqulu 3
Nanko ke mfundi wesihobe umqulu wokugqibela kule ncwadi ithi, “Umkhumezelo.” Apha ufunde imibongo eyahlukahlukeneyo. Kweminye ndiyaqiniseka uzakhele umfanekiso-ngqondweni wezinto ezininzi. Lo mqulu ke ungene nzulu kwiimeko zokuphila ekuhlaleni ngokubanzi. Eminye imiba kungenzeka ukuba iyakrwempa kodwa ke into emasiyivuyele kukuba ivelele iinkalo eziliqela esizaziyo ukuba zidinga ingqalelo emandla. Ndiyayazi ke mfundi ukuba mna ndodwa andinakufikelela zonke iinkalo obunga unganqwenela ukuba ndizifikelele.
Baninzi ababhali endikhuthaza ukuba ufunde iincwadi zabo zesihobe ingakumbi abalemihla abo sele belupapashile uNcwadi lwabo. Injongo yethu inye kuNcwadi lwethu asikhuphisani kodwa sisebenza kunye ukuze kuzuze wena. Akwaba ungasixhasa singaba babhali sisebenza nzima ukufundisa wena silondoloza ulwimi lwethu.
-
Umkhumezelo Umqulu 2
Bathandi boncwadi ndithi kuni yonwabelani lo mqulu, endiqinisekayo ukuba uza neenguqu kuncwadi lwesiXhosa. Izimvo endizivakalise apha nezinto endizibhale apha maziphikiswe ngulowo ukwaziyo, aze lowo uvumelana nazo avumelane nazo. Uza kukhumbula ukuba kaloku namphi na umntwana uye anxibe izihlangu ezingalinganiyo okanye azigqwethe naye elinganisa ngamanye amaxesha. Umbone unkabi elinganisa utata wakhe xa ehamba naxa ethetha ufike umfo omkhulu ezikhotha nemifinya le yembala, okanye ufike umfo ehamba ezibhenca efake nezandla ezipokothweni ukuba unconyiwe ukuba unxibe kakuhle. Nalapha ke kule ncwadi usengafumana izinto ekumnandi ukuzamkela nezikuchaphazelayo, kodwa ke ngamanye amaxesha ndingaqondanga ndisenokukudanisa njengomfundi.
Yonwabela ke ukufunda izishwankathelo, iinkcaza ezinabileyo, imibuzo nophando, kanti neeprojekthi zomfundi. Ukuba ngaba ootitshala banqwenela inkcazelo engakumbi kunale inikiweyo kulo mqulu, bangabhalela kwi-email echazwe kwiphepha lale ncwadi. Kwanga ungawonwabela lo mqulu wesibini mlesi kwemithathu yosiba lwam.
























